Umyalezo weVangeli
– Nceda ufunde okulandelayo:
EYEZIQALO 1 | Ekuqaleni uThixo wadala izulu nomhlaba. |
KwabaseRoma 3:23 | Kaloku bonke bonile; bayalabalaba kubuqaqawuli ababulungiselelwe nguThixo. |
Yohane 8:34 | Wawaphendula uYesu wathi: “Ndithi kuni, inene, bonke abenza isono bangamakhoboka esono. |
UThixo wasidala kodwa asimazi kwaye sehlulwa Kuye ngenxa yemeko yethu yesono. Iimpilo zethu ngaphandle kukaThixo azinantsingiselo nanjongo. Umvuzo (ixabiso lokuhlawula) lwezono zethu kukufa, emoyeni nasenyameni. Ukufa ngokomoya kuthetha ukwehlulwa noThixo. Ukufa ngokwenyama kukubola komzimba. Ukuba siyafa kwizono zethu sokwehlulwa ngonaphakade kuThixo kwaye siphelele esihogweni. Ingaba singazisindisa kanjani kwizono zethu kwaye sibuyele kuThixo? Asinako ukuzisindisa kuba akwenzeki kumntu onezono ukuba azisindise (njengomntu otshonayo akanako ukuzisindisa). Akukho bantu bangasisindisa kuba sonke sinezono (umntu otshonayo akanokusindisa omnye otshonayo, bobabini badinga incedo). Sifuna lowo ongenasono (ongatshoniyo) ukuba asisindise ezonweni zethu. Ngumntu ongenasono kuphela ongasisindisa. Ingaba ungamfumana njani umntu ongenasono apho bonke abantu bonile?
KwabaseRoma 6:23 | Isono sinomvuzo: samkelisa ukufa; ke sona isipho asibabala ngaso uThixo ngokumanywa kwethu noKrestu Yesu iNkosi yethu, bubomi obungonaphakade. |
Yohane 3: 16 | Kaloku uThixo ihlabathi ulithande kangangokuba ude wancama uNyana okuphela kwakhe, ukuze wonke umntu ozinikele kuye ngokupheleleyo angatshabalali, koko abe nobona bomi bungenasiphelo. |
Mateyu 1:23 | “Niyabona, intombi le iya kumitha, izale unyana, abizwe ngokuba nguImanuweli” (oko kukuthi “uThixo unathi”). |
Yohane 8:23 | Waza wathi kuwo: “Nina ningabalapha phantsi; mna ndivela phezulu. Nina ningabeli hlabathi; mna andinguye oweli hlabathi. |
Marko 1:11 | Kwavakala nelizwi elivela ezulwini, lisithi: “UnguNyana wam endimthandayo wena; ndikholisiwe nguwe.” |
Yohane 8:36 | Ukuba ke uNyana uthe wanenza nakhululeka, noba ngabakhululekileyo mpela. |
Yohane 3:3 | UYesu waphendula wathi kuye: “Ndithi kuwe, inene, akukho namnye unokuxhamla ukulawulwa nguThixo, engathanga azalwe ngokutsha.” |
Yohane 1:12 | Kodwa bonke abâmamkeláyo, bezinikele kuye ngokupheleleyo, wabanika igunya lokuba ngabantwana bakaThixo. |
UThixo owasidalayo kwaye osithandayo, wasinikeza isisombululo. Ngaphaya kothando Lwakhe olunzulu kuthi Wathumela uNyana wakhe, uYesu, ukuba afele izono zethu. UYesu akanatyala kuba Akasuku mhlabeni, kwaye ngokuya waye esemhlabeni, waye woyisa ukuhendwa ngusathana ukuba makone. Ubomi bakhe bamonelisa uThixo esezulwini. UYesu wathabatha izono zethu kwaye wafa emnqamlezweni efela izono zethu. Ngumsindisi weempilo zethu (uYesu unako ukusisindisa kuba waye engatshoni). Isizathu sikaYesu ukuba afe emnqamlezweni kukuhlawula ityala lezono zethu kwaye, kuba, esusa izono zethu kuthi kwaye abuyisele ubudlelwane obophukile noThixo. Siyaphila ekufeni emoyeni (ukwehlulwa kuThixo) ngomoya kaThixo. Obo budlelwane bubizwa ukuzalwa kwakhona. Ukusibuyisela kwiinjongo zethu zendalo nokubakhona kwethu kwaye asinike intsingiselo yokwenyani nesizathu sokuphila.
Yohane 11:25 | Waza wathi kuye uYesu: “Ndim uvuko; ndim ubomi. Lowo ukholwayo kum wodla ubomi nokuba ebefile. |
KwabaseRoma 6:9 | Siyazi ke ukuba uKrestu evusiwe nje kwabafileyo, akayi kuba safa – ukufa akusayi kuba nagunya kuye. |
UMSEBENZI WABATHUNYWA 2:24 | UThixo ke yena wamvusa, wamkhulula kwiintlungu zokufa, kuba ukufa kwakungenawo amandla okumbophelela. |
KwabaseRoma 14:9 | Kuba kaloku uKrestu wafa, wabuya wadla ubomi, ngenjongo yokuba abe yiNkosi yabafileyo nabaphilayo. |
UMSEBENZI WABATHUNYWA 1:11 | abuza athi: “Madoda, maGalili, nimele ntoni apha nikhangele phezulu nje? UYesu lo nimbone enyuselwa ezulwini, uya kubuya kwangolu hlobo nimbone esimka ngalo.” |
Bobuphi ubungqina bokuba idini likaYesu ngokusifela emnqamlezweni yamkelwa nguYesu ezulwini? Ubungqina kukuvuka kukaYesu ekufeni ngoThixo. Ngokuvuka bubungqina ukuba uYesu ukoyisele ukufa (okanye, ngamanye amazwi, ukufa akunabango Kuye). Ke ngoko, kuba uYesu ephila, nathi singaphila. Ubomi Bakhe kuthi businika ubomi. Kwaye kuba wavuka, Uyaphila namhlanje.
Yohane 5:24 | “Ndithi kuni, inene, lowo uwevayo amazwi am, abe ekholwa kulowo undithumileyo, unobomi obungunaphakade. Yena akayi kugwetywa nokugwetywa, kuba selephumile ekufeni wangena ebomini. |
Yohane 10:9 | Ndim isango; othe wangena ngam wosindiswa. Wongena ephuma, atye anele. |
Yohane 14:6 | Waphendula uYesu wathi: “Ndim indlela, ndim inyaniso, ndim ubomi. Akukho namnye unokuya kuBawo engayi ngam. |
Yohane 8:24 | Kungoko nditshoyo ukuthi niya kufela ezonweni zenu. Ukuba anithanga nakholwa okokuba ndinguye endinguye, niya kufela ezonweni zenu.” |
UMSEBENZI WABATHUNYWA 4:12 | “Usindiso lufumaneka ngaye kuphela, kuba akukho wumbi emhlabeni ogama uThixo alinike uluntu, esingasindiswa ngalo.” |
KwabaseRoma 10:13 | kuba: “Lowo uzibika ebiza igama leNkosi wosindiswa.” |
KwabaseRoma 10:11 | IziBhalo kaloku zithi: “Lowo ukholwayo kuye akayi kudaniswa.” |
KwabaseRoma 2:11 | Kaloku uThixo akanamkhethe. |
KwabaseRoma 3:22 | Yona kukukholwa nokuzinikela kuYesu Krestu. UThixo ubenza amalungisa bonke abakholwayo kuYesu, kuba akanamkhethe. |
KwabaseRoma 10:9 | Ukuba uthe wavuma ngomlomo ukuba uYesu yiNkosi, wakholwa nangentliziyo ukuba uThixo wamvusa kwabafileyo, wosindiswa. |
Ingaba izono zethu zingasuswa njani sifumane obu bomi butsha? Ngokukholelwa kuYesu iNkosi noMsindisi wethu. Ukuba siyaguquka kwindlea zethu zezono kwaye sibize uYesu ukuba axolele asisindise, Uza kuyenza. UYesu nguNyana kaThixo oweza emhlabeni ukufela izono zethu. Nabani emhlabeni othembele Kuye uza kufumana uxolelo kuThixo, basindiswe ezonweni zabo (nasesihogweni) bafumane ubomi obutsha kuThixo. UThixo akabonakalisi mkhethe. Akachatshazelwa -kwisiphaluka selizwe esiphila kulo, ulwimi osiluthethayo, abatyebile nabahluphekile, indoda okanye ibhinqa, omdala nomncinci, okanye nowuphi umehluko wembonakalo. Wonke umtu okholelwayo uvuma uYesu wakusindiswa. Lo mthandazo ulandelayo nguMthandazo ongawuthandaza ukuba ufuna ulandela uYesu:
Thixo osemazulwini, enkosi ngokuthumela uNyana Wakho, uYesu, ukuba afele izono zam ukuze ndisindiswe ndibenobomi obutsha ezulwini. Ndiyaguquka kwiindlela zam kwaye ndicela uxolelo lwezono zam. Ndiyakholwa kuYesu kwaye ndiyamamkela njengeNkosi noMsindisi wam. Ndincede kwaye undikhokhele ukuba ndiphile ubomi obukholisa Wena kobu bomi butsha Undinika bona. Amen
Ukuba uwenzile umthandazo ongaphezulu, cela uThixo akubonise inkonzo ongaya kuyo. Thetha noThixo emthandazweni qho kwaye uza kuthetha nawe. Mamela ilizwi likaThixo. UThixo uza kukhokhela. Uyakuthanda kwaye uza kukhathalela. Ungamthemba. Akasoze amdaniso othembele Kuye. UThixo nguThixo olungileyo. Angathenjwa. Ungaxhomekeka Kuye kubomi bakho. Zisa iimfuno zakho Kuye. Ukunakekele kwaye uza kusikelela. UThixo wathi soze akushiye kwaye ukutyeshele. Thembela kuThixo. Sikeleleka ngoYesu.
Funda iBhayibhile qho, ukuqala kwincwadi kaYohane. Ukufumana okuninzi kwi-intanethi cofa apha.